Lectionary Calendar
Saturday, June 7th, 2025
Eve of Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 48

1 Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.2 Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.3 UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.4 Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;5 Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;6 Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.7 Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.

8 Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)9 Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.10 Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.11 Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.12 Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.13 Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,14 Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile