Lectionary Calendar
Friday, July 18th, 2025
the Week of Proper 10 / Ordinary 15
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 49

1 Kumongameli: eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yivani oku, nina nonke zizwe; Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,2 Nina nyana boluntu, nani nyana bamadoda, Nina zityebi, nani mahlwempu kunye.3 Umlomo wam uza kuthetha ubulumko; Nokucamanga kwentliziyo yam kukuqonda.4 Ndiya kuyithobela emzekelisweni indlebe yam, Ndiya kuyivulela ngohadi intsonkotha yam.5 Ndoyikelani na emihleni yobubi, Xa ubugwenxa babandibambisayo bundijikelayo?

6 Abo bakholose ngemfuyo yabo, Baqhayisa ngobuninzi bobutyebi babo.7 Akukho bani unokukhulula umzalwana; Akanakumnika uThixo isicamagusho ngaye8 (Sinqabile isikhululo somphefumlo wabo, Masincanywe ngonaphakade),9 Sokuba ahlale esidla ubomi ngamaxesha onke, Angasiboni isihogo.10 Ngokuba ubona izilumko zibhubha, Bedaka kunye abanyabileyo nezityhakala, Bayishiye nabanye imfuyo yabo.11 Imbilini yabo ithi izindlu zabo zingunaphakade. Iminquba yabo ikwizizukulwana ngezizukulwana; Bayithiya imihlaba yabo ngamagama abo.12 Ke umntu enobuhandiba akanakuhlala, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.13 Yiyo le indlela yabanyabileyo, Neyabo babalandelayo, bekholiswa ngumlomo wabo. (Phakamisani.)14 Babuthe ngokweegusha kwelabafileyo; Ukufa kuyabalusa; Abathe tye bayabanyathela kwakusa; Isithomo sabo abo siyonakala kwelabafileyo, singabi nandawo yakuhlala.

15 Kodwa uThixo uya kuwukhulula umphefumlo wam esandleni selabafileyo, Ngokuba eya kundithabatha. (Phakamisani.)16 Musa ukoyika, yakuba sisityebi indoda, Bakwanda ubuqaqawuli bendlu yayo:17 Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento, Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.18 Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe, Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,19 Uya kuya noko esizukulwaneni sooyise; Abayikukubona ukukhanya naphakade.20 Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi, Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile