Lectionary Calendar
Tuesday, March 10th, 2026
the Third Week of Lent
There are 26 days til Easter!
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 47

1 Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.2 Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.3 Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.4 Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)

5 UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.6 Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!7 Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.8 UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.9 Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile