Lectionary Calendar
Sunday, November 24th, 2024
the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 24

1 Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?2 Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.3 Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.4 Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.5 Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.6 Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.7 Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,8 Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzimela.9 Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.10 Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.11 Phakathi kweendonga zabaya bakhama ioli, Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.12 Emizini kugula amadoda, Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala; Kanti uThixo akathi bubuhilihili.

13 Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni; Abanakwazana neendlela zako, Abahlali ezingqushwini zako.14 Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange, Sibulale iintsizana namahlwempu; Ebusuku sibe njengesela.15 Iliso lomkrexezi ligcine ungcwalazi; Uthi, Akukho liso liya kundalama, Anxibe isigqubuthelo ebusweni.16 Bagqobhoza izindlu emnyameni; Emini bayazivalela, Abazani nokukhanya.17 Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke; Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.

18 Bayakhawuleza phezu kwamanzi; Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini; Abasasingi endleleni yesidiliya.19 Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela; Aboni bahluthwa lelabafileyo.20 Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.21 Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga; Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.22 Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe, Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.23 Uzinika inkoloseko, zayame, Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,24 Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho. Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke, Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.25 Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga, Akwenze into engento ukuthetha kwam?

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile