Lectionary Calendar
Sunday, December 22nd, 2024
the Fourth Week of Advent
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 23

1 Waphendula uYobhi, wathi,2 Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.3 Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!4 Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.5 Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.6 Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.7 Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.

8 Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;9 Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.10 Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.11 Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.12 Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.

13 Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko.14 Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye.15 Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.16 UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile.17 Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile