Lectionary Calendar
Wednesday, April 2nd, 2025
the Fourth Week of Lent
There are 18 days til Easter!
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 5

1 Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?2 Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.3 Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.4 Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;5 Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.

6 Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;7 Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.8 Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,9 Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;10 Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,11 Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.12 Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.13 Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.14 Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.15 Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.16 Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

17 Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!18 Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.19 Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;20 Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,21 Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.22 Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.23 Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;24 Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;25 Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.26 Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.27 Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile