Lectionary Calendar
Sunday, February 16th, 2025
the Sixth Sunday after Epiphany
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 4

1 Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,2 Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi?3 Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo;4 Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve.5 Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa.6 Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?

7 Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?8 Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.9 Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe.10 Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.11 Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele.

12 Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.13 Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,14 Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.15 Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam.16 Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,17 Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?18 Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi;19 Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu?20 Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.21 Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga?

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile