Lectionary Calendar
Wednesday, April 2nd, 2025
the Fourth Week of Lent
There are 18 days til Easter!
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UZekariya 5

1 Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.2 Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.3 Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.4 Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.

5 Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.6 Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.7 Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.8 Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.9 Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.10 Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya?11 Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile