Lectionary Calendar
Friday, February 21st, 2025
the Sixth Week after Epiphany
There are 58 days til Easter!
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IsiTyhilelo 15

1 Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo.2 Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo.3 Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi: Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga.4 Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe.

5 Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini.6 Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide.7 Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni.8 Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile