Lectionary Calendar
Thursday, April 24th, 2025
Thursday in Easter Week
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 98

1 Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.2 Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.3 Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.

4 Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.5 Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;6 Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova.7 Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo.8 Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba9 Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile