Lectionary Calendar
Tuesday, March 10th, 2026
the Third Week of Lent
There are 26 days til Easter!
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 85

1 Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yehova, wabe unetarhu kwilizwe lakho. Ububabuyisa abathinjwa bakaYakobi;2 Ububuxolela ubugwenxa babantu bakho, Ubuziselela zonke izono zabo. (Phakamisani.)3 Ubuwufinyeza umsindo wakho ophuphumayo, Ububuya ekuvutheni komsindo wakho.4 Sibuyise, Thixo ongumsindisi wethu, Uyisuse ingqumbo yakho kuthi.5 Uya kusiqumbela ngonaphakade na? Umsindo wakho uya kuwolulela kwizizukulwana ngezizukulwana na?6 Akuyi kubuya usiphilise na, Abantu bakho bavuye ngawe?7 Sibonise inceba yakho, Yehova, Siphe usindiso lwakho.

8 Mandive oko aya kukuthetha uThixo, uYehova; Hayi, uthetha uxolo kubantu bakhe nakwabakhe benceba; Mabangabuyeli ke ekunyabeni kwabo.9 Inene, usindiso lwakhe lusondele kwabamoyikayo, Ukuze luhlale uzuko ezweni lakowethu.10 Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, Kuya kwangana ubulungisa noxolo.11 Inyaniso iya kuntshula emhlabeni, Ubulungisa buqondele busemazulwini.12 Kananjalo uYehova uya kusinika okulungileyo, Ilizwe lethu lisinike indyebo yalo.13 Ubulungisa buya kuhamba phambi kwakhe, Buyigqale ngentliziyo indlela yokunyathela kwakhe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile