Lectionary Calendar
Friday, July 18th, 2025
the Week of Proper 10 / Ordinary 15
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 8

1 Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.2 Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.

3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?5 Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.6 Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.9 Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile