Lectionary Calendar
Wednesday, May 14th, 2025
the Fourth Week after Easter
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 76

1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Waziwa kwaYuda uThixo, Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.2 Umnquba wakhe waba seSalem, Nekhaya lakhe eZiyon.3 Wayaphula apho imibane yesaphetha, Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)4 Ukhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.5 Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane, Balala umlala kanye, Akazifumana izandla zawo onke amakroti.6 Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi, Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.

7 Unguwena wena woyikekayo; Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?8 Emazulwini usivakalisile isigwebo; Loyika ihlabathi, lazola,9 Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe, Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)10 Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe; Uya kuwabhinqa amasalela obushushu.11 Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu; Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.12 Uya kunqumla ukufutha kweenganga, Uyoyikeka kookumkani behlabathi.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile