Lectionary Calendar
Thursday, November 21st, 2024
the Week of Proper 28 / Ordinary 33
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 73

1 Umhobe ka-Asafu. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli, Kwabantliziyo zinyulu.2 Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;3 Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.4 Ngokuba abanazintlungu ekufeni kwabo; Baphilile, batyebile umzimba wabo;5 Ebubini babantu abakho bona; Abakhathazwa njengabanye abantu.6 Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi; Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.7 Amehlo abo avelile kukutyeba; Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.8 Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi; Bathetha iindumbisa zamazwi.9 Bawubeka ezulwini umlomo wabo, Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.10 Ngako oko abantu babo babuyela apha; Bafinca amanzi amaninzi.11 Bathi, Unokuthini na ukwazi uThixo? Kukho ukwazi na kOsenyangweni?12 Yabona abangendawo abaya Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.13 Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;14 Ndakhathazeka imini yonke, Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.

15 Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha, Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.16 Ndathi ke ndakucinga ukuba ndikwazi oko, Kwayinkohla emehlweni am;17 Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo, Ndakugqala ke ukuphela kwabo.18 Inene, ubamise ezindaweni ezibuthelezi, Wabawisa baba yintshabalala.19 Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.20 Njengephupha ekuqabukeni komntu, Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wowudela umfanekiso wabo.

21 Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo, Ndahlabeka ezintsweni,22 Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi; Ndoba ke ndisisilo kuwe.23 Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene;24 Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.25 Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.26 Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.27 Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka; Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.28 Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile