Lectionary Calendar
Tuesday, March 10th, 2026
the Third Week of Lent
There are 26 days til Easter!
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 67

1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;4 Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;7 Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile