Lectionary Calendar
Friday, July 18th, 2025
the Week of Proper 10 / Ordinary 15
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 59

1 Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale. Ndihlangule ezintshabeni zam, Thixo wam, Ndise engxondeni kwabasukela phezulu kum.2 Ndihlangule kubasebenzi bobutshinga; Ndisindise ebantwini abanamagazi.3 Ngokuba nabo bewulalela umphefumlo wam; Baqukana ngam abanamandla, Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.4 Ndingenabugwenxa nje, bagidime baxhoba. Vuka, undikhawulele, ubone.5 Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli, Phapha, uzivelele zonke iintlanga; Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengabagqithi. (Phakamisani.)6 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.7 Nabo belephuza amagwebu ngomlomo; Ngamakrele emlonyeni wabo; Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8 Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga.9 Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam.10 UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.11 Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu; Babhadulise ngamandla akho, ubawise, Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.12 Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.13 Bagqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho; Baqonde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi, Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)14 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.15 Bona babhadulela ukudla; Ukuba bathe abahlutha, balala apho.16 Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.17 Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile