the Fourth Week of Advent
Click here to join the effort!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
IiNdumiso 40
1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.2 Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam.3 Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova.4 Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!5 Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, Nangeengcinga zakho kuthi; Akukho nto inokulinganiswa nawe; Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; Ke ziyinkohla engenakubalwa.
6 Akunanze mbingelelo namnikelo wakudla; Iindlebe zam uzivulile; Akubizi dini linyukayo nadini lasono.7 Ndaza ndathi, Yabona, Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.8 Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.9 Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu; Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam; Yehova, wena uyazi.10 Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam; Ndakukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho; Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.
11 Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum; Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.12 Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa; Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela; Buninzi kuneenwele zentloko yam; Ndimkelwe yintliziyo.13 Ngamana, Yehova, wandihlangula; Yehova, wakhawuleza wandinceda!14 Mabadane babe neentloni kuphele Abazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe; Mababuye muva bahlazeke15 Mabamangaliswe ngumvuzo wehlazo labo Abathi kum, Tshotsho! Tshotsho!16 Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakufunayo, Abaluthandayo usindiso lwakho bahlale besithi, Makenziwe mkhulu uYehova.17 Mna ke ndilusizana, ndilihlwempu; INkosi iya kundikhumbulela. Umncedi wam nomsindisi wam nguwe; Thixo wam, musa ukulibala.