Lectionary Calendar
Thursday, November 27th, 2025
the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 3

1 Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum.2 Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)3 Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.

4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.6 Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.7 Khawusuk’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula.8 Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile