Lectionary Calendar
Monday, March 30th, 2026
Monday of Holy Week
Monday of Holy Week
There are 6 days til Easter!
video advertismenet
advertisement
advertisement
advertisement
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!
Click here to learn more!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
IiNdumiso 3
1 Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum.2 Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)3 Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam.
4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa.6 Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum.7 Khawusuk ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula.8 Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)