Lectionary Calendar
Thursday, April 24th, 2025
Thursday in Easter Week
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 24

1 Umhobe kaDavide. LelikaYehova ihlabathi nenzaliseko yalo, Elimiweyo, nabahleli kulo;2 Ngokuba yena waliseka phezu kweelwandle, Walizinzisa phezu kwemilambo.

3 Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova? Ngubani na onokuma endaweni yakhe engcwele?4 Ngozandla zimsulwa, ontliziyo inyulu, Ongawuphakamiseli kwinkohlakalo umphefumlo wakhe, Ongafungiyo ngenkohliso.5 Uya kwamkela intsikelelo kuYehova, Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.6 Siso eso isizukulwana sabamngxameleyo, Sababufunayo ubuso bakho, Thixo kaYakobi.(phakamisani.)

7 Phakamisani iintloko zenu, masango; Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene uKumkani wozuko.8 Ngubani na ke lo Kumkani wozuko? NguYehova onamandla, oligorha; NguYehova, igorha emfazweni.9 Phakamisani iintloko zenu, masango, Niziphakamise, minyango yaphakade, Angene lo Kumkani wozuko.10 Ngubani na ke yena uKumkani wozuko? NguYehova wemikhosi, Nguye lo Kumkani wozuko. (Phakamisani.)

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile