Lectionary Calendar
Wednesday, April 2nd, 2025
the Fourth Week of Lent
There are 18 days til Easter!
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 137

1 NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon.2 Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu.3 Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.4 Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?5 Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene.6 Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke.

7 Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo.8 Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!9 Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile