Lectionary Calendar
Friday, February 21st, 2025
the Sixth Week after Epiphany
There are 58 days til Easter!
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 121

1 Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam?2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho.4 Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli.5 NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.6 Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku.7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho.8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile