Lectionary Calendar
Sunday, November 24th, 2024
the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

ImiZekeliso 18

1 Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe; Into yonke ezimasayo uyayivungamela.

2 Isinyabi asikunanzile ukuqonda; Ke sinanze ukuzityhila kwentliziyo yaso.

3 Ekuzeni kongendawo kuza ukudela, Ukungcikiva, nokucukuceza.

4 Ngamanzi anzulu amazwi omlomo wendoda, Ngumlanjana obalekayo, lithende lobulumko.

5 Ukukhetha ubuso bongendawo akulungile; Nokugqwetha ilungisa ekuthetheni ityala.

6 Imilebe yomlomo wesinyabi ingena ekubambaneni, Nomlomo waso ubiza amanqindi.7 Umlomo wesinyabi uyasitshabalalisa, Nemilebe yomlomo waso sisirhintyelo somphefumlo waso.

8 Amazwi entlebi yimithamo emnandi; Yona ihla iye ezingontsini zombilini.

9 Nohilizayo eshishinini lakhe Ngumninawa kaSokonakalisa.

10 Yinqaba ende eliqele igama likaYehova; Ilungisa ligidimela kulo, libe sengxondeni.

11 Ubuncwane besityebi sisixeko saso esiliqele; Bunjengodonga oluphakamileyo emabhongweni aso.

12 Phambi kwentshabalalo iyazidla intliziyo yendoda; Phambi kozuko lululamo.

13 Ophendula ilizwi engekeva, Kukumatha oko kuye, nehlazo.

14 Umoya wendoda uyasinyamezela isifo sayo; Ke umoya odakumbileyo, ngubani na ongawuthwalayo?

15 Intliziyo yonengqondo irhweba ukwazi; Nendlebe yezilumko ifuna ukwazi.

16 Isipho somntu siyamgabulela, Simse phambi kwabakhulu.

17 Unga ulilungisa oqalelayo etyaleni lakhe: Uza ummelwane wakhe, amgocagoce.

18 Liphelisa ingxabano iqashiso, Libahlule abanamandla.

19 Umzalwana ekukreqiweyo kuye ulukhuni ngaphezu kwesixeko esiliqele, Neengxabano zinjengomvalo woxande olude.

20 Ngesiqhamo somlomo wendoda uyahlutha umbilini wayo; Iyahlutha ngongeniselo lomlomo wayo.

21 Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi; Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.

22 Othe wafumana umfazi, ufumene okulungileyo; Uzuze okulikholo kuYehova.

23 Ihlwempu lithetha ngezibongozo; Isityebi siphendula ngokulukhuni.

24 Indoda enezihlobo iyachithwa; Kukho sithandwa sinamathelayo kunomzalwana.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile