Lectionary Calendar
Sunday, November 24th, 2024
the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

ImiZekeliso 14

1 Ubulumko bomfazi buyayakha indlu yakhe; Ukumatha kuyayichitha ngezakhe izandla.

2 Uhamba ngokuthe tye owoyika uYehova; Uthi gu bucala ngeendlela zakhe omdelayo.

3 Lusemlonyeni wesimathane uswazi lwekratshi; Umlomo wezilumko uyazigcina.

4 Apho kungekho nkomo, umkhombe wesitali uba ze; Indyebo eninzi iza ngamandla enkomo.

5 Ingqina elinyanisileyo aliwathethi amanga; Ke lifutha amanga ingqina elixokayo.

6 Umgxeki ufuna ubulumko, angabuzuzi; Ukwazi kulula konengqondo.

7 Suka ebusweni bendoda esisinyabi; Akuyi kuza wafumana mlomo wokwazi kuyo.

8 Ubulumko bonobuqili bukukuyiqonda indlela yakhe; Ukumatha kwezinyabi yinkohliso.

9 Idini letyala liyazigxeka izimathane; Phakathi kwabathe tye yimvisiswano.

10 Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo ngokwayo; Omnye umntu akanakuzingenisa eluvuyweni lwayo.

11 Indlu yabangendawo iyatshatyalaliswa; Ke intente yabathe tye iyatyatyamba.

12 Kukho indlela ethe tye phambi komntu, Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.

13 Nasekuhlekeni intliziyo inomvandedwa; Nokuphela kwalo uvuyo sisingqala.

14 Uhlutha ziindlela zakhe ontliziyo ishenxileyo: Umntu olungileyo uhlutha zizenzo zakhe ngokwakhe.

15 Isiyatha sikholwa ngamazwi onke; Onobuqili uyakuqonda ukunyathela kwakhe.

16 Isilumko siyoyika, sisuke entweni embi; Isinyabi siphuphuma umsindo, sizithembile.

17 Ozekanekayo wenza ukumatha; Indoda yamayelenqe ithiyekile.

18 Ilifa leziyatha kukumatha; Abanobuqili banxiba isithsaba sokwazi.

19 Abenzi bobubi basibekeka phambi kwabalungileyo; Abangendawo bema emasangweni amalungisa.

20 Ihlwempu lithiywa nangummelwane walo; Ke bona abathanda isityebi baninzi.

21 Omdelayo ummelwane wakhe uyona; Obabala abaziintsizana, hayi, uyolo lwakhe!

22 Abayi kulahleka yini na abayila ububi? Inceba nenyaniso iba nabayila okulungileyo.

23 Ekubulalekeni konke kubakho ungeniselo; Ke ukuthetha komlomo kubanga ukuswela kodwa.

24 Busisithsaba sezilumko ubutyebi bazo; Ukumatha kwezinyabi kukumatha.

25 Ingqina lenyaniso lihlangula imiphefumlo; Ke elifutha amanga liyinkohliso.

26 Ekoyikeni uYehova kukho inkoloseko eliqele, Abantwana bakhe baba nendawo yokuzimela.27 Ukoyika uYehova lithende lobomi, Ukuze kusukwe ezirhintyelweni zokufa.

28 Busebuninzini babantu ubungangamela bokumkani; Kusekupheleni koluntu ukutshabalala kwesidwangube.

29 Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.

30 Bubomi benyama intliziyo epholileyo; Ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.

31 Ocudisa isisweli ungcikiva uMenzi waso; Olibabalayo ihlwempu uyamzukisa.

32 Ongendawo uyangqulwa bububi bakhe; Ke ilungisa linehlathi ekufeni kwalo.

33 Entliziyweni yonengqondo buyaphumla ubulumko; Ke embilinini wesinyabi buyazazisa.

34 Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga; Isono lihlazo lezizwe.

35 Inkolelo yokumkani ikumkhonzi oqiqayo; Ukuphuphuma kwakhe umsindo kukowenza okuziintloni.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile