Lectionary Calendar
Wednesday, February 19th, 2025
the Sixth Week after Epiphany
There are 60 days til Easter!
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 17

1 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.2 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.3 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?4 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.8 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.

10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.12 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;14 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:15 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile