Lectionary Calendar
Friday, February 21st, 2025
the Sixth Week after Epiphany
There are 58 days til Easter!
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 12

1 Waphendula uYobhi, wathi,2 Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko.3 Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?4 Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.5 Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.

6 Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo.7 Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;8 Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle.9 Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?10 Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.11 Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla?

12 Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni,13 Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo.14 Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa,15 Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe.16 Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.17 Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi.18 Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo.19 Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule.20 Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.21 Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.22 Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa.23 Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse.24 Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela.25 Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile