Lectionary Calendar
Sunday, February 16th, 2025
the Sixth Sunday after Epiphany
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYeremiya 28

1 Ke kaloku, kwathi ngaloo mnyaka, ekuqalekeni kobukumkani bukaZedekiya, ukumkani wakwaYuda, ngomnyaka wesine, ngenyanga yesihlanu, wathetha kum uHananiya unyana ka-Azure, umprofeti waseGibheyon, endlwini kaYehova, emehlweni ababingeleli nabantu bonke, esithi,2 Utshilo uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndiyayaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.3 Kwangale minyaka mibini izalisekileyo, ndiya kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaYehova, awayithabathayo kuloo ndawo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, wayisa eBhabheli.4 Ndiya kubabuyisela kule ndawo oYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabafudusiweyo bonke bakwaYuda, abaye eBhabheli, utsho uYehova; ngokuba ndiya kuyaphula idyokhwe yokumkani waseBhabheli.5 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, emehlweni ababingeleli, nasemehlweni abantu bonke abemiyo endlwini kaYehova:6 wathi uYeremiya umprofeti, Amen, makenjenjalo uYehova. Makawamise uYehova amazwi akho owaprofetele ukuba ayibuyise impahla yendlu kaYehova, nabafudusiweyo bonke eBhabheli, beze kule ndawo.7 Khawuve eli lizwi ndilithethayo ezindlebeni zakho, nasezindlebeni zabantu bonke.8 Abaprofeti ababengaphambili kum nangaphambili kwakho kwasephakadeni, baprofeta imfazwe, nobubi, nendyikitya yokufa, besingisele kumazwe amaninzi nangezikumkani ezikhulu.9 Umprofeti lowo uprofeta uxolo, uya kwaziwa ukuba ungumprofeti othunyiweyo nguYehova okunene, ekwenzekeni kwelo lizwi lomprofeti lowo.

10 Ke kaloku uHananiya umprofeti wayithabatha idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, wayaphula.11 Wathetha uHananiya emehlweni abantu bonke, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiya kwenjenje ukuyaphula idyokhwe kaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngale minyaka mibini iza kuzaliseka, ezintanyeni zeentlanga zonke. Wemka ke uYeremiya umprofeti, wahamba indlela yakhe.12 Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya emva kokuyaphula kukaHananiya umprofeti idyokhwe entanyeni kaYeremiya umprofeti, lisithi,13 Yiya uthethe kuHananiya, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Uzaphule iidyokhwe zomthi, ke yenza iidyokhwe zesinyithi esikhundleni sazo.14 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndibeke idyokhwe yesinyithi ezintanyeni zezo ntlanga zonke, ukuze zimkhonze uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli; ziya kumkhonza ke; kwanamaramncwa asendle ndiwanikele kuye.15 Wathi uYeremiya umprofeti kuHananiya umprofeti, Khawuve, Hananiya; uYehova akakuthumanga; wena aba bantu ubakholosisa ngobuxoki.16 Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiva kukugxotha ebusweni bomhlaba; uya kufa nonyakanje, ngokuba uthethe elokukreqa kuYehova.17 Wafa ke uHananiya umprofeti ngaloo mnyaka, ngenyanga yesixhenxe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile