Lectionary Calendar
Thursday, April 24th, 2025
Thursday in Easter Week
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UIsaya 39

1 Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha.2 Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya.3 Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum.4 Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam.

5 Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi.6 Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova.7 Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli.8 Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile