Lectionary Calendar
Wednesday, April 2nd, 2025
the Fourth Week of Lent
There are 18 days til Easter!
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UHoseya 7

1 Ekumphiliseni kwam uSirayeli, kusuke kutyhileke ubugwenxa bukaEfrayim nobubi bakwaSamari; kuba besebenza ubuxoki, isela lingene, amatutu abhunyule ngaphandle.2 Abatsho entliziyweni yabo ukuthi ndobukhumbula bonke ububi babo; ngoku zibangqongile iintlondi zabo, zabakho phambi kobuso bam.3 Bamvuyisile ukumkani ngeento zabo ezimbi, nabathetheli ngokuxoka kwabo.4 Bonke bephela bangabakrexezi; banjengeziko lezonka elibaselwe ngumoji-zonka, okha ayeke ukukhwezela, lo gama axovula intlama, ide ifukuke.5 Ngemini yokumkani wethu abathetheli bazixhayele isifo ngobushushu bewayini; uthabathene nabagxeki.6 Ngokuba bayisondeze intliziyo yabo emlaleni wabo, ngathi kusezikweni lezonka; bonke ubusuku ulele umoji-zonka wabo; kusasa lona livutha njengomlilo olenyayo.7 Bonke bephela bashushu njengeziko lezonka, bayabadla abagwebi babo; bonke ookumkani babo bawile; akukho namnye kubo undinqulayo.

8 UEfrayim yena uzekazekana nezizwe; uEfrayim uliqebengwana lesonka elingaguqulwanga.9 Abasemzini bawadlile amandla akhe, ukanti yena akazi; nezimvi zithe saa kuye, noko akazi yena.10 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; noko ababuyeli kuYehova uThixo wabo, abamfuni kuko konke oku.11 UEfrayim unjengevukuthu elimathileyo, elingenantliziyo; babiza iYiputa, baya eAsiriya.12 Ndothi, bakubon’ ukuba bayaya, ndiwutwabulule phezu kwabo umnatha wam, ndibathobe njengeentaka zezulu; ndiya kubathethisa ngokweendaba endazivakalisayo ebandleni labo.13 Yeha ke bona! kuba babalekile kum. Yimbubho kubo! kuba bakreqile kum. Mna ngendibakhulule, basuka bona bathetha amanga ngam.14 Abakhalanga kum ngeentliziyo zabo, basuka bamana bebhomboloza ezililini zabo; baqukana ngenxa yengqolowa newayini entsha, baphambuka, bandichasa.15 Mna ndiziqeqeshile, ndazomeleza, iingalo zabo; ke bona bacinga ububi ngam.16 Bayabuya, kodwa ababuyeli phezulu; banjengesaphetha esityeketyeke. Baya kuwa likrele abathetheli babo, ngenxa yobhavumo lolwimi lwabo. Oko kukugculelwa kwabo ezweni laseYiputa.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile