Lectionary Calendar
Monday, March 9th, 2026
the Third Week of Lent
the Third Week of Lent
There are 27 days til Easter!
video advertismenet
advertisement
advertisement
advertisement
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!
Click here to join the effort!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
UHoseya 3
1 Wathi uYehova kum, Phinda, uye uthande umfazi, ethandwa nguwabo, ekrexeza; njengoko uYehova abathandayo oonyana bakaSirayeli, bebheka thixweni bambi nje, bethanda izicumba zeerasintyisi.2 Ndamthenga wangowam ngeshumi elinesihlanu lesilivere, nehomere yerhasi, neleteke yerhasi.3 Ndathi kuye, Uze uhlalele mna imihla emininzi, ungahenyuzi, ungabi wandoda yimbi; nam ndenjenjalo kuwe.4 Ngokuba oonyana bakaSirayeli baya kuhlala imihla emininzi bengenakumkani, bengenamthetheli, bengenambingelelo, bengenasimiso samatye, bengenaefodi namilonde-khaya.5 Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.