Lectionary Calendar
Friday, February 21st, 2025
the Sixth Week after Epiphany
There are 58 days til Easter!
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UEstere 7

1 Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi.2 Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ucela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ufuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.3 Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam.4 Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.5 Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? uphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?6 Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi.

7 Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye.8 Ukumkani wabuya emyezweni wendlu, wangena endlwini yesidlo sewayini, uHaman ewe phezu kwesingqengqelo abekuso uEstere. Wathi ukumkani, Angade ukumkanikazi agonyamelwe enam, endlwini apha na? Liyathi ukuphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, baya bagqubuthela ubuso bukaHaman.9 Wathi uHarbhona, elinye lakumathenwa abemi phambi kokumkani, Nanguya umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, umi endlwini kaHaman; ubude bawo buziikubhite ezimashumi mahlanu. Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo.10 Bamxhoma ke uHaman emthini lowo, abewulungisele uMordekayi. Wadamba ke umsindo wokumkani.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile