the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Click here to learn more!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
2 YooKumkani 14
1 Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda.2 Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.3 Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoDavide uyise; wenza njengako konke awakwenzayo uYowashe uyise.4 Kodwa zona iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezingangeni.5 Wathi, bakuqiniseka ubukumkani esandleni sakhe, wababulala abakhonzi bakhe ababembulele ukumkani uyise.6 Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.7 Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka. Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.
8 Waza uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehohashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Yiza siqwalaselane ngamehlo.9 UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.10 Uwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?11 Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.12 Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe.13 UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite ezimakhulu mane.14 Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.
15 Ezinye izinto zikaYehohashe awazenzayo, nobukroti bakhe, nokulwa kwakhe noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?16 Walala uYehohashe kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, ndawonye nookumkani bakwaSirayeli. UYarobheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.17 Wadla ubomi uAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, iminyaka elishumi linesihlanu emva kokufa kukaYehohashe, unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli.18 Ezinye izinto zika-Amatsiya azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?19 Bamceba eYerusalem, wasabela eLakishe, Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona.20 Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela eYerusalem kooyise emzini kaDavide.21 Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.22 Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.
23 Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mane anamnye.24 Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.25 Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere.26 Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, uphelile ovalelweyo, uphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli.27 UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.28 Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?29 Walala uYarobheham kooyise, kookumkani bakwaSirayeli; uZekariya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.