the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Click here to learn more!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
1 UYohane 1
1 Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi2 (obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi):3 oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.4 Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
5 Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye.6 Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso;7 ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
8 Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.9 Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.10 Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.