Lectionary Calendar
Sunday, November 24th, 2024
the Week of Christ the King / Proper 29 / Ordinary 34
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

1 KwabaseKorinte 2

1 Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndinazisa ubungqina bukaThixo.2 Kuba ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.3 Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.4 Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,5 ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.

6 Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo.7 Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu;8 ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko),9 njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa, Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.10 UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo.11 Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.12 Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkele uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo;13 esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.14 Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.15 Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu.16 Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile