the Fourth Week of Advent
Click here to learn more!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
1 YeziKronike 2
1 Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon,2 noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.3 Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala.4 UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu.5 Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli.6 Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu.7 Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi.8 Oonyana bakaEtan nguAzariya.9 Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi.10 URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda.11 UNashon wazala uSalima;12 uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.13 UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu,14 noNataniyeli owesine, noRadayi owesihlanu,15 no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe.16 Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu.17 UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.
18 UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon.19 Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri.20 UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli.21 Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi.22 USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi.23 UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi.24 Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.25 Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya.26 UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam.27 Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere.28 Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure.29 Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; wamzalela uAbhan, noMolidi.30 Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga.31 Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi.32 Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga.33 Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli.34 USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha.35 USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi.36 UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi.37 UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede;38 uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya;39 uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa;40 uElasa wazala uSisamayi; uSisamayi wazala uShalum;41 uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.42 Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron.43 Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema.44 UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekem wazala uShamayi.45 Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure.46 UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze.47 Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe.48 UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana;49 wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.50 Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyati-yeharim;51 uSalima, uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere.52 UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti.53 Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli.54 Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora.55 Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.